1Waqokela uElihu, wathi,2Khawenze kuhle, ndikutyele; Kuba kusekho ukuthetha okusingisele kuThixo.3Ndiya kukuphakamisela entweni ekude ukwazi kwam, Ndimnike ubulungisa uMenzi wam.4Okwenene, akubuxoki ukuthetha kwam; Ogqibeleleyo ngokwazi uphambi kwakho.5Yabona, uThixo unamandla, akacekisi bani; Unamandla ngokuqina kwengqondo.6Akamlondolozeli ebomini ongendawo; Iintsizana uzinika ibango lazo.7Akawasusi amehlo akhe kwabangamalungisa; Ubahlalisa kunye nookumkani etroneni Ngonaphakade, baphakame ke.8Ukuba bakhonkxiwe ngemixokelelwane, Bebanjiwe ngezintya zeentsizi,9Ubaxelela izenzo zabo Nezikreqo zabo; ngokuba bezenza amagorha.10Uzityhilela intethiso iindlebe zabo; Uthi mababuye ebutshingeni.11Ukuba bathe beva, bamkhonza, Boyigqiba imihla yabo ekulungeni, Neminyaka yabo ebumnandini.12Ukuba bathe abeva, bogqithela emkhontweni, Baphume umphefumlo bengenakwazi.13Ke abaziintshembenxa ngentliziyo babamba umsindo; Abazibiki xa abakhonkxayo;14Ufe ke ebuncinaneni umphefumlo wabo, Nobomi babo bube bobengawu kwindawo engcwele.15Uyamhlangula olusizana ngeentsizi zakhe, Ayityhile indlebe yakhe ngokuxinwa kwabo.16Nawe ubengakukhululayo yena emlonyeni wembandezelo, Akuse endaweni ebanzi, emzantsi ungacuthekileyo; Nokubekwa etafileni yakho kuzale kukutyeba.17Ke wena uzele kukugweba kwabangendawo; Ukugweba nokugwetywa kunako ukukubamba.18Kuba ubushushu mabungakuxhokonxeli ekutyhwakrazeni izandla, Nobukhulu bocamagusho mabungathi gu bucala.19Ukuzibika kwakho kokubeka ngaphandle kwembandezelo na, Nemigushanxa yonke yamandla?20Musa ukuzonda ubusuku Bokususa izizwe esikhundleni sazo.21Lumka, ungaguqukeli konobutshinga; Kuba unyule loo nto kuneentsizi.22Yabona, uThixo uphakamise ukwenza ngamandla akhe; Ngubani na umyali onjengaye?23Ngubani na omphathise indlela yakhe; Ngubani na ongathi, Wenze ngobugqwetha?24Khumbula ukuba uwukhulise ngendumiso umsebenzi wakhe, Awuhlabele ingoma amadoda.25Bonke abantu bayawubona; Umntu uwukhangela emgama.26Yabona, uThixo mkhulu, asimazi; Inani leminyaka yakhe aligocagoceki.27Kuba utsalela phantsi amathontsi amanzi, Achaphaze eyimvula enkungwini yakhe,28Esiyinisayo isibhakabhaka, Ivuze phezu kwabantu abaninzi.29Kanene baya kuqonda na ukwanekwa kwamafu, Nokuzongoma komnquba wakhe?30Yabona, waneka phezu kwakhe ukukhanya kwakhe, Azigubungele ngamazantsi olwandle.31Kuba ngezo nto ugqweba izizwe, Unika ukudla ngento eninzi.32Izandla zozibini uzigubungela ngombane, Awuwisele umthetho ngokochanayo.33Ukugquma kwakhe kuyamxela, Kwaneenkomo, ukuba uza kunyuka.