1Inene, ngale nto iyagubha intliziyo yam, Ixhume endaweni yayo.2Phulaphulani, phulaphulani ukuguguma kwelizwi lakhe, Nokudumzela okuphumayo emlonyeni wakhe.3Ukusingisa ngaphantsi kwezulu lonke, Nombane wakhe uye emasondweni ehlabathi.4Emva kwawo kubhonga ilizwi; Ududuma ngezwi lobungangamsha bakhe; Akawulibazisi, xa livakalayo izwi lakhe.5UThixo ududuma ngezwi lakhe ngokubalulekileyo, Esenza izinto ezinkulu esingenakuzazi.6Kuba uthi kwikhephu, Yiwa uwele emhlabeni; Nakwisiphango semvula, Nakwisiphango seemvula ezinkulu zakhe.7Isandla soluntu lonke uyasitywina asivingcele, Ukuba babe nokwazi bonke abantu abenzileyo.8Amarhamncwa angena emlaleleni, Ahlale ezikhundleni zawo.9Engontsini yasentla kuvela isaqhwithi; Kumphephethi wasentla kuvela ukubanda.10Ngokuphefumla kukaThixo kuza umkhenkce, Ububanzi bamanzi bucutheke.11Kananjalo usindanisa ilifu ngamanzi amaninzi; Uphangalalisa amafu akhe abanekayo.12Wona ajikajika ngeenxa zonke ngokwalathiswa nguye, Ukuze enze konke awawamisela khona Ebusweni behlabathi elimiweyo;13Nokuba kungenxa yokubetha, nokuba kungenxa yehlabathi lakhe, Nokuba kungenxa yenceba, uyawafikisa.14Oko kubekele indlebe, Yobhi; Yima, uyigqale imisebenzi ebalulekileyo kaThixo.15Uyazi na ukuwathwesa kukaThixo amafu akhe, Nokubengezelisa kwakhe ukubaneka kwawo?16Uyazi na ukulinganiselwa kwamafu, Imisebenzi ebalulekileyo yoSokwazi?17Wena ungubo zifudumeleyo, Lakuzola ilizwe lulophu lwasezantsi;18Usikhanda usolule naye na isibhakabhaka, Esiqinileyo njengesipili esityhidiweyo?19Sazise esingakuthethayo thina kuye; Asinakucacisa nto ngenxa yobumnyama.20Wobikelwa na ukuthi ndiyathetha? Umntu uthi makaginywe na?21Ke ngoku akubonwa kukhanya Kukhazimlayo, kusesibhakabhakeni; Kudlula umoya, lise.22Entla kuziwa negolide; Phezu koThixo yindili eyoyikekayo.23USomandla asinakumfumana, mkhulu ngamandla; Akagwenxi siko nabuninzi bobulungisa.24Ngako oko bayamoyika abantu; Akabakhathalele bonke abalumke ngokwabo.