Xhosa

Job

38

1Waza uYehova wamphendula uYobhi, esemoyeni ovuthuzayo, wathi,2Ngubani na lo usitha icebo Ngokuthetha okungenakwazi?3Khawuwabhinqise njengomfo amanqe akho, Ndikubuze, undazise.4Ubuphi na wena ukuseka kwam ihlabathi? Xela, ukuba uyazi, uyaqonda.5Ngubani na omise imilinganiso yalo, ukuba uyazi? Ngubani na ololulele ulutya lokulinganisa?6Zifakwe ntwenini na izikhondo zeentsika zalo? Ngubani na owabeka ilitye lalo lembombo,7Ekumemeleleni kunye kwamakhwezi okusa, Beduma bonke oonyana bakaThixo?8Ngubani na owaluvingcelayo ulwandle ngeengcango Ekutyhobozeni kwalo, luphuma esizalweni;9Ekulwambathiseni kwam ngamafu, Ekulusongeleni ngesithokothoko;10Ndakulusikelela umda wam, Ndakumisa imivalo neengcango;11Ndathi, Fika apha, ungegqithi; Eme apha amaza akho akratshayo?12Ngemihla yakho wakha wayiwisela umthetho na intsasa, Wasazisa isifingo indawo yaso;13Ukuba sibambe amasondo ehlabathi, Bavuthululwe kulo abangendawo?14Liguquka njengodongwe lomsesane wokutywina, Zizimise ngokwazo izinto njengasesambathweni;15Abangendawo bavinjwe ukukhanya kwabo, Nengalo ephakamileyo yaphulwe.16Uye wafika na emithonjeni yolwandle? Wahambahamba ezingontsingontsini zenzonzobila?17Uwatyhilelwe na amasango okufa? Namasango ethunzi lokufa wawabona?18Ubugqalile na ububanzi behlabathi? Xela, ukuba uyakwazi oko konke.19Iphi na indlela esa ekhayeni lokukhanya, Nobumnyama iphi na indawo yabo,20Ukuba ubuse emdeni wabo, Ukuba uqonde iindlela zendlu yabo?21Uyazi kambe, ngokuba wawusewuzelwe oko Lilikhulu nenani lemihla yakho!22Ufikelele na ebuncwaneni bekhephu? Ubuncwane besichotho wabubona,23Endabuqwebela ixesha lembandezelo, Imini yokudibana nemfazwe?24Iphi na indlela yalapho kwabiwa khona ukukhanya? Yalapho luphangalaliswa khona ulophu lwasempumalanga ehlabathini?25Ngubani na ogqobhozela isiphango umjelo, Ogqobhozela umbane weendudumo indlela;26Ukuba ine ezweni elingenamntu, Entlango, apho kungekho mntu;27Ihluthise intshabalala yakwantshabalala, Intshulise uhlaza oluphumayo?28Inoyise na imvula? Ngubani na ozala amathontsi ombethe?29Uphuma umkhenkce esizalweni sikabani na? Neqabaka yasezulwini izalwa ngubani na?30Amanzi ayaqina njengelitye, Nobuso bamanzi anzongonzongo bubambene.31Unokuwabopha na amaqhina esiLimela, Uzicombulule izintya zamaKroza?32Unokuyivelisa na imilindo yeenyanga ngexesha layo, Uzalathise iinkwenkwezi zeBhere nabantwana bayo?33Uyayazi na imimiselo yezulu? Umise ulawulo lwalo ehlabathini?34Unokuliphakamisela emafini na izwi lakho, Ukuze ubuninzi bamanzi bukugubungele?35Unokuyithuma na imibane, ihambe ithi kuwe, Sikho?36Ngubani na omise ubulumko ezintsweni? Ngubani na onike imboniseli ingqondo?37Ngubani na obala iingqimba zamafu ngobulumko? Ngubani na othulula iintsuba zezulu.38Emelelweni wothuli, lube lutyhido, Amagada anamathelane?39Ingonyamakazi unokuyizingelela inyamakazi na, Uzalise iphango leengonyama ezintsha,40Xa zincathamayo ezikhundleni zazo, Zihlale ezindadeni, zilalele?41Ngubani na olungisela ihlungulu umfunzelo walo, Xa amathole alo azibika kuThixo, Ebhadu-bhadula, engenakudla?