Xhosa

Job

39

1Uyalazi na ixesha lokuzala kwamagogo asemaweni, Ugqale ukuzuza kwamaxhamakazi?2Uyazibala na iinyanga azizalisayo, Ulazi na ixesha lokuzala kwawo?3Uyaguqa, azale, Akhuphe inkonyana.4Ayomelela amankonyana awo, akhula emathafeni, Aphuma, angabi sabuya.5Ngubani na olindululeyo iesile lasendle likhululekile? Iimbophelelo ze-esile elindwebileyo, ngubani na ozithukululeyo,6Endilimisele inkqantosi ukuba ibe yindlu yalo, Neendawo ezinetyuwa zibe likhaya lalo?7Liyayihleka ingxokolo yomzi, Aliyiva ingxolo yomqhubi.8Umfuno weentaba bubutyani balo, Lilanda lonke uhlaza.9Yovuma na inqu ukukukhonza, Ilale esitalini sakho?10Unokuyibopha na inqu emqeleni ngomqokozo wayo, Iqwakanise iintili ikulandela?11Wokholosa na ngayo, ngokuba emakhulu amandla ayo, Ukushiye nayo ukuxelenga kwakho?12Unokukholwa na kuyo, ukuba yoyigodusa imbewu yakho, Ibuthele esandeni sakho?13Iphiko lencinibakazi liyaphapha: Lunenceba yengwamza na ke usiba lwayo, noboya bayo?14Hayi bo! Iwashiya emhlabeni amaqanda ayo, Ifukamele eluthulini;15Ilibale ukuba unyawo lowatyumza, Nerhamncwa lasendle lowanyathela.16Iyawabukula amathole ayo ngathi asingawayo, Kuphalale ukuxelenga kwayo, ingaxhali.17Ngokuba uThixo wenze yabulibala ubulumko, Akayabela ingqondo.18Xesha limbi izibetha iphakame, Ilihleke ihashe nomkhweli walo.19Linikwa nguwe na ihashe ubukroti? Uyambathise intamo yalo ngobuyakayaka?20Nguwe na oliqakathisa njengenkumbi? Isandi somfutho walo siyothusa.21Liyagquba entilini ngamanqina, lenze amagqasi ngamandla; Liphuma likhawulele umkhosi onesikrweqe.22Liyakuhleka ukunkwantya; aliqhiphuki mbilini; Alijiki phambi kwekrele.23Urhashaza phezu kwalo umphongolo, Nentshuntshe ebengezelayo, nenkcula.24Ngentshakavu nangengcwangu liginya ilizwe; Alimi kwakuvuthelwa isigodlo.25Okuvuthela sivuthelwayo isigodlo, lisuka ngathi lithi, Ngxatsho ke! Lisezela imfazwe kwakude, Nokududuma kwabathetheli, nokufunza.26Intambanane iphaphazela ngengqondo yakho na, Yolule amaphiko ayo, ibheke ezantsi?27Kungomthetho wakho na, ukuba ixhalanga linyuke, Liyiphakamise indlu yalo,28Lihlale engxondorheni, lilale Etsolweni lengxondorha, nasemboniselweni?29Lilapho lihlola ukudla; Amehlo alo ondele kude.30Amathole alo afunxa igazi; Nalapho bakhona abangxwelerhiweyo, likhona nalo.