1Wathetha uYehova kuMoses, esithi,2Yithi koonyana bakaSirayeli: Umntu ngomntu, koonyana bakaSirayeli, nakubaphambukeli abaphambukele kwaSirayeli, othe wayinika uMoleki imbewu yakhe, wobulawa afe; abantu belizwe eli ize bamxulube ngamatye.3Ke mna ndiya kumchasa loo mntu, ndimnqamle, angabikho phakathi kwabantu bakowabo; ngokuba uyinike uMoleki imbewu yakhe, ukuze ayenze inqambi ingcwele yam, alihlambele igama lam elingcwele.4Ukuba abantu belizwe elo bathe bawafihla ukuwafihla oku amehlo abo kuloo mntu, ekuyinikeni kwakhe uMoleki imbewu yakhe, abambulala:5mna ndomchasa loo mntu nemizalwane yakhe, ndimnqamle, nabo bonke abahenyuza ngokumlandela, behenyuzela ukumlandela uMoleki, bangabikho phakathi kwabantu bakowabo.6Loo mphefumlo uthe wabheka kwabanemishologu, nakoosiyazi, uhenyuza ngokubalandela; ndowuchasa loo mphefumlo, ndiwunqamla, ungabikho phakathi kwabantu bakowawo.7Ize nizingcwalise nibe ngcwele, ngokuba ndinguYehova, uThixo wenu.8Ize niyigcine imimiselo yam niyenze: ndinguYehova oningcwalisayo.9Umntu ngomntu, xa athe watshabhisa uyise nonina, wobulawa afe; utshabhise uyise nonina; amagazi akhe makabe phezu kwakhe.10Indoda esukuba ikrexeza umkamntu, ikrexeze umfazi wommelwane wakhe, wobulawa afe umkrexezi lowo, kwanomkrexezikazi.11Indoda esukuba imlala umkayise, ityhile ubuze bukayise; mababulawe bafe bobabini, amagazi abo makabe phezu kwabo.12Indoda esukuba imlala umolokazana wayo, mababulawe bafe bobabini; bazingcolisile; amagazi abo makabe phezu kwabo.13Indoda esukuba iyilala indoda njengokuba kulalwa umfazi, abo benze amasikizi: mababulawa bafe bobabini; amagazi abo makabe phezu kwabo.14Indoda esukuba izeka inkazana nonina, ngamanyala lawo; mabatshiswe ngomlilo, kwayona nabo, kungabikho manyala phakathi kwenu.15Indoda esukuba ilala into ezitho zine, mayibulawe ife; naloo nto izitho zine niyibulale.16Inkazana esukuba isondela entweni ezitho zine, nokuba yiyiphi na, ukuba izekwe yiyo, mayibulawe inkazana leyo; naloo nto izitho zine mayibulawe ife; amagazi azo makabe phezu kwazo.17Indoda esukuba izeka udade wayo, intombi kayise, nokuba yintombi kanina, yabubona ubuze bakhe, wabubona yena ubuze bayo, benze ubugqwirha; bonqanyulwa emehlweni oonyana babantu bakowabo; ityhile ubuze bodade wayo; yobuthwala ubugwenxa bayo.18Indoda esukuba imlala umfazi enomzi yabutyhila ubuze bakhe, yalenza laba ze ithende lakhe, naye walityhila ithende lamagazi akhe: bonqanyulwa bobabini, bangabikho phakathi kwabantu bakowabo.19Ubuze bonyokokazi nobodada boyihlo uza ungabutyhili, ngokuba uyenza ibe ze inyama yakhe; bobuthwala ubugwenxa babo.20Indoda esukuba imlala umkayisekazi, yabutyhila ubuze boyisekazi: bosithwala isono sabo, bafe bengenamntwana.21Indoda esukuba izeka umfazi womntakayise, yinto engcolileyo leyo: ityhila ubuze bomntakayise; abayi kuba namntwana.22Ize niyigcina imimiselo yam yonke, namasiko am onke, niwenze, ukuze linganihlanzi ilizwe elo ndinisa kulo ukuba nihlale kulo.23Ize ningahambi emimiselweni yohlanga olo ndilugxothayo ebusweni benu; ngokuba bazenzile zonke ezo nto, ndakruquka ngabo.24Ndathi ke kuni, Nina niya kulidla ilifa ilizwe labo; ndininikila mna ukuba libe lilifa kuni, ilizwe elibaleka amasi nobusi. NdinguYehova, uThixo wenu, onahluleyo kwezinya izizwe.25Ize niyahlule into ezitho zine ehlambulukileyo kweyinqambi, nentaka eyinqambi kwehlambulukileyo, ningayenzi imiphefumlo yenu ibe nezothe ngento ezitho zine, nangentaka, nangento yonka enambuzelayo emhlabeni, endinahluleyo nayo kuba iyinqambi.26Ize nibe ngcwele kum, ngokuba ndiyiNgcwele, mna Yehova; ndanahlula kwezinye izizwe, ukuba nibe ngabam.27Indoda nenkazana xa bathe baneshologu, baba ngoosiyazi, mababulawe bafe. Boxulutywa ngamatye, amagazi abo abe phezu kwabo.