1Wathi uYehova kuMoses. Yitsho kubabingeleli, oonyana baka-Aron, ukuthi, Ze kungabikho uzenza inqambi ngenxa yomfi phakathi kwabantu bakowabo.2Kungaba ngenxa yenyama yakhe ekufuphi kuya yodwa: unina noyisa, nonyana wakhe, nentombi, yakhe, nomzalwana wakhe.3Nodade wabo oseyintombi, leyo ikufuphi kuya, ingenandoda, angazenza inqambi ngenxa yayo.4Engumninimzi nje, makangazenzi inqambi phakathi kwabantu bakowabo, ukuba azihlambele.5Ize bangenzi mpandla entlokweni yabo, bangaliguyi icala leendevu zabo, bangayicenti inyama yabo.6Mababe ngcwela kuThixo wabo, bangalihlambeli igama loThixo wabo; kuba besondeza ukudla kwasemlilweni kukaYehova, ukudla koThixo wabo; mababe ngcwele.7Makangazeki mfazi ulihenyukazi, nohlanjelwayo; angazeki mfazi waliweyo yindoda yakhe; ngokuba ungcwele kuThixo wakhe.8Uze umngcwalise ke; kuba esondeza ukudla koThixo wakho; woba ngcwele kuwe, ngokuba ndingcwele, mna Yehova uningcwalisayo.9Intombi yendoda engumbingeleli, xa ithe yazihlambela ngokuhenyuza, ihlambela uyise; yotshiswa ngomlilo.10Umbingeleli omkhulu phakathi kwabazalwana bakhe, obegalelwe ioli yokuthambisa entloko, omiselweyo ukuze azambatha izambatho, makangaziyeki ziyakazele iinwele zakhe, angazikrazuli lingubo zakhe;11angayi nakumntu ofileyo, angazenzi inqambi nangenxa kayise, nangenxa kanina.12Makangaphumi engcweleni, angayihlambeli ingcwele yoThixo wakhe; ngokuba ukwahlula kweoli yokuthambisa yoThixo wakhe kuphezu kwakhe: ndinguYehova.13Makazeke umfazi osebuntombini bakhe.14Umhlolokazi, nowaliweyo, nohlanjelweyo olihenyukazi, abo makangabazeki; wozeka intombi yodwa yasebantwini bakowabo, ibe ngumfazi;15angayihlambeli imbewu yakhe phakathi kwabantu bakowabo; ngokuba ndinguYehova omngcwalisayo.16Wathetha uYehova kuMoses, esithi,17Thetha kuAron, uthi, Indoda phakathi kwembewu yakho ezizukulwaneni zabo, esukuba inesiphako, mayingasondeli isondeze ukudla koThixo wayo.18Ze kungasondeli nanye indoda, xa sukuba inesiphako: indoda eyimfama, nesiqhwala, nelinyaziweyo ebusweni, nesilima,19nendoda eyaphuke unyawo, neyaphuke isandla;20nenofundo, nengcungcuthekileyo, nenomlanga, nenokhwekhwe, nenesitshanguba, netyumke isende.21Ze kungasondeli nanye indoda enesiphako, yembewu ka-Aron umbingeleli, isondeze ukudla kwasemlilweni kukaYehova; inesiphako; mayingasondeli, isondeze ukudla koThixo wayo.22Ingakudla ukudla koThixo wayo kwezinto eziziingcwala kangcwele, kwanazingcwela.23Kodwa mayingezi emkhusaneni, ingasondeli nasesibingelelweni, ngokuba inesiphako; ukuze ingayihlambeli ingcwela yam; ngokuba ndinguYehova obangcwalisayo.24Wakuthetha ke oko uMoses kuAron noonyana bakhe, noonyana bonke bakaSirayeli.