Xhosa

Proverbs

28

1Basaba bengasukelwa nto abangendawo; Ke wona amalungisa akholosa njengengonyama.2Ngokreqo lwelizwe baba baninzi abathetheli balo; Ngomntu onengqondo, onokwazi, ukuzinza kwalo kuyoluka.3Umfo oyintloko ekucudiseni izisweli Yimwula etshayelayo, ingasalisi kudla.4Abashiya umyalelo badumisa abangendawo; Ke abawugcinayo umyalelo bayazixhokonxa ngabo.5Abantu abanobubi abakuqondi okusesikweni; Ke bona abamquqelayo uYehova baqonda izinto zonke.6Lilungile ihlwempu elihamba ngengqibelelo yalo, Ngaphezu komjibilizi ondlela mbini, nakuba esisityebi.7Obamba umyalelo ngunyana onengqondo; Ke olikholwane labachithi uhlaza uyise.8Owongeza ubuncwane bakhe ngokudla abanye, nangolwandiso, Ubuthela obabala izisweli.9Osusa indlebe yakhe ekusiphulaphuleni isiyalo, Kwanomthandazo wakhe ulisikizi.10Obalahlekisayo abathe tye ngendlela enobubi, Kuya kweyela yena esihogweni sakhe, Bona abagqibeleleyo bakudle ilifa okulungileyo.11Ilumkile indoda esisityebi kwawayo amehlo; Ke isisweli esinengqondo siyayigocagoca.12Ekudlamkeni kwamalungisa kwanda uzuko; Ekuphakameni kwabangendawo, abaveli nokuvela abantu.13Osigubungelayo isono sakhe akayi kuba nampumelelo; Ke yena osivumayo, asishiye, uya kufumana inceba.14Hayi, uyolo lomntu ohlala enkwantya; Ke yena ontliziyo ilukhuni uya kweyela ebubini.15Uyingonyama egqumayo, uyibhere ebhaduliswa kukulamba, Umlawuli ongendawo kubantu abazizisweli.16Hayi, inganga iswele ukuqonda, enokucudisa okuninzi! Othiye inzuzo embi wolula imihla yakhe.17Umntu onovalo ngegazi lomphefumlo Usabela nasemhadini makangabanjezelwa.18Ohamba ngengqibelelo uya kusindiswa, Ke umjibilizi ondlela mbini weyela okukanye.19Owusebenzayo umhlaba wakhe uya kuhlutha sisonka; Osukela izinto ezingento uya kuhlutha bubuhlwempu.20Indoda enyanisekileyo ineentsikelelo ezininzi; Ke yena ongxamayo ukuba sisityebi, akabi msulwa.21Ukukhetha ubuso akulungile; Ngenxa yeqhekeza lesonka umntu angade aphosise.22Indoda eliso libi ikhawulezela ukutyeba; Ayazi ukuba ukuswela kuya kuyifikela.23Omohlwayayo umntu wothi kamva afumane ubabalo, Ngaphezu kocengacengayo ngolwimi.24Ophanga uyise nonina, athi, Asilukreqo, Ulidlelane lendoda engumonakalisi.25Omphefumlo ubawayo uxhaya ingxabano; Ke yena okholose ngoYehova uyatyetyiswa.26Okholose ngeyakhe intliziyo usisidenge; Ke yena ohamba ngobulumko uya kusinda.27Opha ihlwempu akasweli; Ke yena ofihla amehlo akhe uneengqalekiso ezininzi.28Ekuphakameni kwabangendawo bayasithela abantu; Ekutshabalaleni kwabo ayanda amalungisa.