Xhosa

Proverbs

29

1Indoda eyohlwaywa futhi, iyenze lukhuni intamo yayo, Iya kuchithakala ngephanyazo, kungabikho kuncedwa.2Ekwandeni kwamalungisa bayavuya abantu; Ekulawuleni kongendawo bayagcuma abantu.3Indoda ethanda ubulumko ivuyisa uyise; Olikholwane lamahenyukazi uchitha impahla yakhe.4Ukumkani ulimisa ilizwe ngesiko; Ke yona indoda erhunywayo iyalibhukuqa.5Umfo ocengacenga ummelwane wakhe Uthiyela iinyawo zakhe ngomnatha.6Elukreqweni lwendoda enobubi kubakho isirhintyelo; Ke lona ilungisa limemelela livuye.7Ilungisa liyalazi ibango lesisweli; Ke yena ongendawo akanangqondo yakulazi.8Amadoda agxekayo aphembelela isixeko; Ke zona izilumko ziyawudambisa umsindo.9Yakumangalelana indoda elumkileyo nesimathane, Soguguma sihleke, kungabikho kuthozama.10Amadoda amagazi ayabathiya abagqibeleleyo; Nabathe tye, afuna umphefumlo wabo,11Isinyabi siya kukhupha konke ukufutha kwaso, Ke sona isilumko sikudambisela embilinini yaso.12Umlawuli olibazela indlebe ilizwi lobuxoki, Bonke abalungiseleli bakhe bangabangendawo.13Ihlwempu nendoda engumxinezeli bayaqubisana; Umkhanyiseli wamehlo abo bobabini nguYehova.14Ukumkani ogweba ityala lezisweli ngenyaniso, Itrone yakhe iya kuzinza ngonaphakade.15Intonga nesohlwayo sinika ubulumko; Ke yena umntwana oyekelelweyo udanisa unina.16Ekwandeni kwabangendawo luyanda ukreqo; Ke wona amalungisa aya kukubona ukuwa kwabo.17Mqeqeshe unyana wakho, wokuphefumlisa, Awuyolise umphefumlo wakho.18Apho kungekho mbono baba yimiqhathu abantu; Bakuwugcina umyalelo, hayi, uyolo lwabo!19Isicaka asiqeqeshwa ngamazwi; Kuba siyaqonda, singakhathali.20Uyayibona indoda engxamileyo ngamazwi ayo? Kukho ithemba ngesinyabi kunayo.21Osifekethisayo kwasebuncinaneni isicaka sakhe Uya kwenelwa lukhula ekupheleni.22Indoda enomsindo ixhaya ingxabano; Umntu onobushushu uzele lukreqo.23Ikratshi lomntu liya kumthoba; Ke yena omoya uthobekileyo ufumana uzuko.24Owahlulelana nesela uthiya umphefumlo wakhe; Uyasiva isishwabulo, angaxeli.25Ukugubha ngumntu kunesirhintyelo; Ke yena okholose ngoYehova uya kuphakanyiselwa phezulu.26Baninzi abafuna ubuso bomlawuli; Ke lona ibango lendoda livela kuYehova.27Indoda enobugqwetha lisikizi kumalungisa; Ondlela ithe tye lisikizi kongendawo.