1Hayi, uyolo lomntu ongahambiyo ngecebo labangendawo, Ongemiyo endleleni yaboni, Ongahlaliyo embuthweni yabagxeki!2Yena unonelela umyalelo kaYehova; Ucamanga ngomyalelo wakhe imini nobusuku:3Unjengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi, Onika isiqhamo sawo ngexesha lawo, Ogqabi lawo lingabuniyo; Konke akwenzayo kophumelela.4Abanjalo abangendawo; Bona banjengomququ ophetshethwa ngumoya.5Ngenxa yoko abangendawo abanakuma emgwebeni, Naboni ebandleni lamalungisa.6Ngokuba uYehova uyayazi indlela yamalungisa; Ke yona indlela yabangendawo iya kudaka.