Xhosa

Psalms

2

1Yini na ukuba iintlanga zenze imbuthumbuthu, Izizwe zicamange into engeyakonto?2Ookumkani behlabathi bazimisile, Izidwangube zabhunga NgoYehova nangoMthanjiswa wakhe;3Besithi, Masiziqhawule iimbophelelo zabo, Sizilahle izintya zabo kuthi.4Ohleli emazulwini uyahleka, INkosi iyabagculela.5Iya kwandula ithethe kubo ngomsindo wayo, Ibakhwankqise ngokuvutha kwayo.6Ithi, Mna ke ndimmisile ukumkani wam Phezu kweZiyon, intaba yam engcwele.7Athi yena, Ndiya kuwuvakalisa ummiselo: UYehova uthe kum, UnguNyana wam wena; Mna namhla ndikuzele.8Cela kum, ndikunike iintlanga zibe lilifa lakho, Iziphelo zehlabathi zibe zezakho.9Uya kuzivikiva ngentonga yentsimbi, Uzihlekeze, zinge zizitya zodongwe.10Ngoko ke, nina bokumkani, qiqani; Bagwebi basehlabathini, yalekani.11Mkhonzeni uYehova nisoyika, Gcobani nithuthumela.12Mangeni uNyana, hleze aqumbe, nitshabalale endleleni, Ngokuba ungahle uvuthe umsindo wakhe. Hayi, uyolo lwabo bonke abazimela ngaye!