1Bulelani kuYehova, ngokuba elungile: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.2Bulelani kuThixo woothixo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.3Bulelani kuNkosi kankosi: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.4KuloMenzi wemisebenzi ebalulekileyo emikhulu yedwa: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.5KuloMenzi wezulu ngengqondo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.6KuloMtwabululi wehlabathi phezu kwamanzi: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.7KuloMenzi wezikhanyiso ezikhulu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;8Ilanga lilawule emini: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;9Inyanga neenkwenkwezi zilawule ebusuku: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.10Kulowabulala amaYiputa kumazibulo awo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.11Wawakhupha amaSirayeli phakathi kwawo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.12Ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.13KuloMgabuli woLwandle oluBomvu, lwagabuka: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.14Wawaweza amaSirayeli esazulwini salo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.15Wamvuthululela uFaro nempi yakhe eLwandle oluBomvu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.16Kulohambisa abantu bakhe entlango: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.17Kulowaxabela ookumkani abakhulu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.18Wabulala ookumkani abaziingangamsha: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;19USihon, ukumkani wama-Amori: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;20No-Ogi, ukumkani waseBhashan: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.21Walinikela ilizwe labo laba lilifa: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe,22Laba lilifa kuSirayeli umkhonzi wakhe: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.23Owasikhumbulayo ebuphantsini bethu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.24Wasihlangula kwabasibandezelayo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.25Ulonika into yonke ephilileyo ukudla: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.26Bulelani kuThixo wamazulu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.