1NgaseMilanjeni yaseBhabheli Sahlala phantsi khona, salila, Sakuyikhumbula iZiyon.2Emingculubeni phakathi kwayo Sazixhoma khona iihadi zethu.3Ngokuba khona apho abathimbi bethu basibiza Izango zengoma; Abathuthumbisi bethu basibiza uvuyo, Besithi, Sivumeleni ingoma yaseZiyon.4Singathini na ukuvuma ingoma kaYehova Emhlabeni wolunye uhlanga?5Ukuba ndithe ndakulibala, Yerusalem, Masinyele isandla sam sokunene.6Ulwimi lwam malunamathele ekhuhlangubeni lam, Ukuba andithanga ndikukhumbule; Ukuba andithanga ndiyinyuse iYerusalem Ngaphezu kwemivuyo yam yonke.7Bakhumbule, Yehova, oonyana bakaEdom, Umhla weYerusalem, Abo bathi, Yidilizeni, yidilizeni Kuse elusekweni lwayo.8Ntombi inguBhabheli, wena unyashiweyo; Hayi, uyolo lwalowo ukubuyekezayo ukuphatha kwakho Osiphethe ngako!9Hayi, uyolo lwalowo ubabambayo abahlekeze abantwana bakho Engxondorheni!