Xhosa

Psalms

147

1Haleluya! Ngokuba kulungile ukuvuma ngoThixo wethu; Ngokuba kumnandi, ifanelekile indumiso.2Umakhi weYerusalem nguYehova; Abagxothwa bakwaSirayeli ubabuthela khona.3Ulophilisa abaphuke intliziyo, Abophe amanxeba abo;4Ulobala inani leenkwenkwezi, Ezibiza zonke ngamagama.5Inkulu iNkosi yethu, inamandla amakhulu; Ingqondo yayo ayiphele ndawo.6Ulophakamisa abalulamileyo nguYehova, Uthobela abangendawo emhlabeni.7Hlabelani kuYehova eyokubulela, Mbetheleni uhadi uThixo wethu.8Ulosibekelisa izulu ngamafu, Ulolungisela umhlaba imvula; Ulontshulisa utyani ezintabeni;9Ulonika inkomo ukudla, Namathole ehlungulu alilayo.10Akabunanze nganto ubugorha behashe, Akakholiswa zizitho zendoda;11UYehova ukholiswa ngabamoyikayo, Abalinde inceba yakhe.12Mncome uYehova, Yerusalem. Mdumise uThixo wakho, Ziyon:13Ngokuba eyomelezile imivalo yamasango akho, Ebasikelele abantwana bakho phakathi kwakho.14Ngulomisa uxolo emideni yakho, Wakuhluthisa ngengqolowa etyebileyo.15Ulothumela intetho yakhe ehlabathini, Ilizwi lakhe ligidima ngokukhawuleza;16Ulonika ikhephu njengoboya bezimvu, Ugcwayela iqabaka njengothuthu,17Ephosa umkhenkce wakhe njengamaqhekeza; Ngubani na onokuma phambi kwengqele yakhe?18Uthumela ilizwi lakhe, ezo nto azinyibilikise; Uvuthuzisa umoya wakhe, aqukuqele amanzi.19Uloxelela uYakobi ilizwi lakhe, USirayeli imimiselo yakhe namasiko akhe.20Akenjanga ngalo kolunye uhlanga, Namasiko aluwazi. Haleluya!