Xhosa

Psalms

148

1Haleluya! Dumisani uYehova emazulwini; Mdumiseni ezindaweni eziphezulu.2Mdumiseni, nonke zithunywa zakhe; Mdumiseni, nonke mikhosi yakhe;3Mdumiseni, wena langa, nawe nyanga; Mdumiseni, nonke zinkwenkwezi zinokukhanya;4Mdumiseni, mazulu awo amazulu, Nani, manzi angaphezu kwezulu.5Mazilidumise ezo nto igama likaYehova; Ngokuba wawisa umthetho, zadalwa.6Wazimisa ngonaphakade kanaphakade, Wazimisela ummiselo ezingayi kuwugqitha.7Dumisani uYehova ehlabathini, Nina bominenga, nani nonke, manzi enzonzobila:8Wena mlilo, nawe sichotho; wena khephu, nawe msi; Moya uvuthuzayo, ulenzayo ilizwi lakhe;9Nina zintaba, nani zinduli nonke, Nina mithi eneziqhamo, nani misedare nonke;10Nina marhamncwa, nani zinkomo nonke, Nina zinambuzane, nani zintaka zinamaphiko;11Ookumkani behlabathi, nezizwe zonke, Abathetheli nabagwebi behlabathi lonke;12Umlisela kwanomthinjana, Amadoda amakhulu kunye nabafana:13Mabalidumise igama likaYehova, Ngokuba liyingxonde igama lakhe yena yedwa; Indili yakhe ingaphezu komhlaba nezulu.14Wabaphakamisela abantu bakhe uphondo, Lwayindumiso kwabakhe benceba bonke, Koonyana bakaSirayeli, abantu abasondeleyo kuye. Haleluya!