Xhosa

Psalms

48

1Ingoma. Umhobe. Eyoonyana babaKora. Mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene Emzini kaThixo wethu, entabeni yakhe engcwele.2Intle ukuphakama kwayo, yimihlali yehla bathi lonke Intaba yaseZiyon, intlomo yasentla, Umzi woKumkani omkhulu.3UThixo, ezingxandeni zawo ezinde, Wazelwa ukuba yingxonde.4Kuba nabo ookumkani babenqophisene, Bawela beza kunye;5Bakuthi ukubona, abakhuluma; Bakhwankqa, babaleka buphuthuphuthu;6Babanjwa khona kukuthuthumela, Kukuzibhijabhija njengozalayo.7Ngomoya wasempumalanga Uyazivitha iinqanawa zaseTarshishe.8Njengoko sikuvileyo, sibone kunjalo Emzini kaYehova wemikhosi, emzini kaThixo wethu: UThixo uyawuzinzisa ngonaphakade. (Phakamisani.)9Sayikhumbula, Thixo, inceba yakho Phakathi kwetempile yakho.10Njengoko linjalo igama lakho, Thixo, Lunjalo udumiso lwakho, Kwesa eziphelweni zehlabathi; Isandla sakho sokunene sizele bubulungisa.11Mayivuye intaba yaseZiyon, Agcobe amagxamesi akwaYuda, Ngenxa yezigwebo zakho.12Yijikelezeni iZiyon, niyizunguleze; Zibaleni iinqaba zayo ezinde.13Gqalani ungqameko lomsele wayo; Candani ezingxandeni zayo ezinde; Ukuze nibalisele isizukulwana esizayo,14Ukuba lo Thixo nguThixo wethu ngonaphakade kanaphakade, Yena uya kusikhapha kude kuse ekufeni.