1Kumongameli: eyoonyana bakaKora. Umhobe. Yivani oku, nina nonke zizwe; Bekani indlebe, nina nonke, bemi beli phakade,2Nina nyana boluntu, nani nyana bamadoda, Nina zityebi, nani mahlwempu kunye.3Umlomo wam uza kuthetha ubulumko; Nokucamanga kwentliziyo yam kukuqonda.4Ndiya kuyithobela emzekelisweni indlebe yam, Ndiya kuyivulela ngohadi intsonkotha yam.5Ndoyikelani na emihleni yobubi, Xa ubugwenxa babandibambisayo bundijikelayo?6Abo bakholose ngemfuyo yabo, Baqhayisa ngobuninzi bobutyebi babo.7Akukho bani unokukhulula umzalwana; Akanakumnika uThixo isicamagusho ngaye8(Sinqabile isikhululo somphefumlo wabo, Masincanywe ngonaphakade),9Sokuba ahlale esidla ubomi ngamaxesha onke, Angasiboni isihogo.10Ngokuba ubona izilumko zibhubha, Bedaka kunye abanyabileyo nezityhakala, Bayishiye nabanye imfuyo yabo.11Imbilini yabo ithi izindlu zabo zingunaphakade. Iminquba yabo ikwizizukulwana ngezizukulwana; Bayithiya imihlaba yabo ngamagama abo.12Ke umntu enobuhandiba akanakuhlala, Ufana neenkomo ezi zitshabalalayo.13Yiyo le indlela yabanyabileyo, Neyabo babalandelayo, bekholiswa ngumlomo wabo. (Phakamisani.)14Babuthe ngokweegusha kwelabafileyo; Ukufa kuyabalusa; Abathe tye bayabanyathela kwakusa; Isithomo sabo abo siyonakala kwelabafileyo, singabi nandawo yakuhlala.15Kodwa uThixo uya kuwukhulula umphefumlo wam esandleni selabafileyo, Ngokuba eya kundithabatha. (Phakamisani.)16Musa ukoyika, yakuba sisityebi indoda, Bakwanda ubuqaqawuli bendlu yayo:17Ngokuba ekufeni kwayo ayiyi kuthabatha nento, Aluyi kuhla emva kwayo uzuko lwayo.18Nakuba umntu ekudleni kwakhe ubomi ebewusikelela umphefumlo wakhe, Bekudumisa ngokuzichwayithisa kwakho,19Uya kuya noko esizukulwaneni sooyise; Abayikukubona ukukhanya naphakade.20Ke umntu onobuhandiba, abe engaqondi, Ufana neenkomo ezi zitshabalalayo.