1Umhobe ka-Asafu. UThixo, uThixo uYehova uyathetha; Uyalibiza ihlabathi, ethabathela ekuphumeni kwelanga esisa ekutshoneni kwalo.2EZiyon, ukuphela kweenzwana, Uyakhazimla uThixo.3Uyeza uThixo wethu, akayi kuthi cwaka. Kudla umlilo phambi kwakhe, Ngeenxa zonke kuye sisaqhwithi esikhulu.4Ubiza izulu phezulu, Nehlabathi, ukuba agwebe phakathi kwabantu bakhe.5Uthi, Bahlanganiseleni kum abam benceba, Abenze umnqophiso nam ngombingelelo.6Izulu lixela ubulungisa bakhe, Ngokuba uThixo eza kugweba yena. (Phakamisani.)7Yivani, bantu bam, ndithethe; Sirayeli, ndiqononondise kuwe; NdinguThixo, uThixo wakho.8Andikohlwayi ngenxa yemibingelelo yakho, Namadini akho anyukayo aphambi kwam amaxesha onke.9Andiyi kuthabatha zinkunzi zankomo endlwini yakho, Nazinkunzi zabhokhwe esibayeni sakho.10Ngokuba zezam zonke iinyamakazi zehlathi, Neenkomo ezisezintabeni eziliwaka.11Iintaka zonke zasezintabeni ndiyazazi, Nento edakasa endle inam.12Ukuba bendilambile, ndibe ndingayi kukuxelela; Ngokuba lelam elimiweyo nenzaliseko yalo.13Ndidle inyama yeenkunzi eziziimbalasane na? Ndisele igazi leenkunzi zeebhokhwe na?14Bingelela kuYehova umbulelo, Uzizalise kOsenyangweni izibhambathiso zakho;15Ubize mna ngemini yembandezelo, Ndikuhlangule, undizukise.16Ke kongendawo uthi uThixo, Useke phi na wena ukuxela ummiselo wam, Uwuphathe ngomlomo wakho umnqophiso wam,17Uyithiyile nje intethiso wena, Uwaphose nje amazwi am emva kwakho?18Xa ubona isela, ukholana nalo, Wabelane nabakrexezi.19Umlomo wakho uwuyekela ebubini; Ulwimi lwakho luthungela inkohliso;20Uthi uhlale uthethe ngomzalwana wakho, Uhlaze umntwana kanyoko.21Uzenzile ezo nto, ndathi tu, Waba ndinjengawe. Ndiya kukohlwaya ndizicwangcise emehlweni akho.22Khaniqonde ke oko, nina bamlibalayo uThixo, Hleze ndiqwenge, kungabikho uhlangulayo.23Obingelela umbulelo uyandizukisa, Alungise indlela, Endombonisa kuyo usindiso lukaThixo.