1Kumongameli. Eyokuqiqa: ekaDavide: oko uDowegi umEdom waya waxelela uSawule, wathi kuye, UDavide ungene endlwini ka-Ahimeleki. Uqhayiselani na ngobubi, wena gorha? Inceba kaThixo ikho imihla yonke.2Ulwimi lwakho lucinga ukweyelisela, Njengesitshetshe sokuguya iindevu esiloliweyo, wena mkhohlisi.3Uthanda okubi kunokulungileyo; Ubuxoki, kunokuthetha ubulungisa. (Phakamisani.)4Uthanda onke amazwi aginyayo, Lulwimindini lukhohlisayo.5Naye uThixo uya kukudiliza kuphele; Uva kukuxwila, akuncothule ententeni, Akudonyule ezweni labaphilileyo. (Phakamisani.)6Obona amalungisa, oyike, Amhleke, athi,7Nanko umfo ongamenzanga igwiba lakhe uThixo, Owakholosa ngobuninzi bobutyebi bakhe, Waba nengcwangu ekweyeliseleni kwakhe.8Ke mna ndinjengomnquma oluhlaza endlwini kaThixo; Ndikholose ngenceba kaThixo ngonaphakade kanaphakade.9Ndiya kubulela kuwe ngonaphakade, kuba ukwenzile oku; Ndiya kuthemba igama lakho, ngokuba lilungile, phambi kwabenceba bakho.