Xhosa

Psalms

8

1Kumongameli: ngolwaseGati. Umhobe kaDavide. Yehova, Nkosi yethu, Hayi, ubungangamsha begama lakho ehlabathini lonke! Wena uwambathise amazulu ngendili yakho.2Emlonyeni wabantwana nabanyayo useke amandla, Ngenxa yababandezeli bakho, Ukuze udambise utshaba nophindezelayo.3Xa ndilikhangelayo izulu lakho, umsebenzi weminwe yakho, Inyanga neenkwenkwezi ozimisileyo:4Uyintoni na umntu lo, le nto umkhumbulelayo? Unyana womntu, le nto umvelelayo?5Umsilelise kancinane ebuThixweni, Wamthi jize ngobuqaqawuli nangobungangamela.6Umphathise ubukhosi phezu kwemisebenzi yezandla zakho, Zonke izinto uzibeke phantsi kweenyawo zakhe:7Impahla emfutshane, neenkomo zonke ziphelele, Kwaneenyamakazi zonke;8Iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle, Into ehamba ngeendlela zolwandle.9Yehova, Nkosi yethu, Hayi, ubungangamsha begama lakho ehlabathini lonke!