Xhosa

Psalms

9

1Kumongameli: ngemute-labhen, Umhobe kaDavide. Ndiya kubulela kuYehova ngentliziyo yam yonke; Ndiya kuyibalisa yonke imisebenzi yakho ebalulekileyo.2Ndiya kuvuya ndidlamke ngawe; Ndiya kulibethela uhadi igama lakho, Wena usenyangweni.3Ekubuyeni kweentshaba zam umva, Ziyawa, zibhubhe ebusweni bakho.4Ngokuba ulifezile ityala lam nebango lam: Uhleli etroneni ungumgwebi olilungisa.5Uzikhalimele iintlanga, wabatshabalalisa abangendawo; Igama lazo ulicimile ngonaphakade kanaphakade.6Iintshaba zona zigqibele, yangamanxuwa kwaphela; Imizi uyinyothule, Yadaka inkumbulo yayo yona.7Ke yena uYehova uhleli ngonaphakade, Uyizinzisele ugwebo itrone yakhe.8Uya kugweba yena kwelimiweyo ngobulungisa, Agwebe phakathi kwezizwe ngokuthe tye.9UYehova makabe yingxonde kotyunyuziweyo, Ingxonde ngamaxesha engxingongo;10Bakholose ngawe abalaziyo igama lakho; Ngokuba akubashiyanga abakuquqelayo wena, Yehova.11Vumani ngendumiso kuYehova ohlala eZiyon; Xelani ezizweni izenzo zakhe ezincamisileyo;12Ukuba umphindezeli wamagazi ubakhumbule, Akakulibalanga ukukhala kwabalulamileyo.13Ndibabale, Yehova; Zibone iintsizi zam ezikhoyo ngabandithiyayo, Mphakamisi wam emasangweni okufa;14Ukuze ndibalise yonke indumiso yakho, Emasangweni entombi uZiyon, Ndigcobe ngosindiso lwakho.15Iintlanga zitshone esihogweni ezasenzayo, Emnatheni ezawugqumelayo kubanjiswe kwaolwazo unyawo.16Uzazisile uYehova; wenza umgwebo, Emthiyela ngomsebenzi wezandla zakhe ongendawo. (Bethani uhadi ngofefe. Phakamisani.)17Baya kubuyela kwelabafileyo abangendawo, Kwaiintlanga zonke ezimlibalayo uThixo;18Ngokuba aliyi kuhlala lilityalwa ihlwempu, Ithemba leentsizana aliyi kudaka ngonaphakade.19Khawusuk’ ume, Yehova; malungangcwangushi uluntu, Mazigwetywe iintlanga phambi kwakho,20Zimisele ukoyika, Yehova, Zazi iintlanga ukuba ziluluntu kuphela. (Phakamisani.)