Xhosa

Song of Solomon

1

1Ingoma yazo iingoma, eyekaSolomon.2Makandange ngokwanga komlomo wakhe; Ngokuba izincokoliso zakho zimnandi ngaphezu kwewayini.3Amafutha akho anevumba elimnandi; Liyioli ethululwayo igama lakho; Ngenxa yoko iintombi ziyakuthanda.4Nditsale, sogidima emva kwakho; Ukuba ukumkani undingenise ezingontsini zakhe, Sogcoba, sivuye ngawe. Sozikhankanya izincokoliso zakho ngaphezu kwewayini; Zikuthanda zinyanisile.5Ndimnyama, ndinomkhitha noko, Zintombi zaseYerusalem, Njengeentente zakwaKedare, Njengamalengalenga kaSolomon.6Musani ukundikhangela ngakuba ndife mnyama, Ngakuba nditshe lilanga. Oonyana bakama bandivuthela ngomsindo, Bandenza umlindi wezidiliya; Ke esisesam isidiliya andisilindanga.7Khawundixilele, wena uthandwa ngumphefumlo wam, Walusela phi na? Uyibuthisa phi na imihlambi emini enkulu? Ngokuba kungani na ukuba ndibe njengogqubutheleyo Ngasemihlambini yamakholwane akho?8Ukuba akwazi, nzwakazindini phakathi kweentokazi, Phuma, uhambe ngemikhondo yomhlambi, Uwaluse amatakane akho ngaseminqubeni yabalusi.9Ndikufanekise, wethu, Nehashe kwaweenqwelo zikaFaro!10Zinomkhitha izidlele zakho ziingcaca, Umqala wakho zizidanga.11Sokwenzela iingcaca zegolide Ezinamaqhula esilivere.12Xa ukumkani asesetafileni yakhe, Inadusi yam isuka ilikhuphe ivumba layo.13Sisiqhuma semore intanda yam kum, Esihleli phakathi kwamabele am.14Sisihloko sekofere intanda yam kum Ezidiliyeni zase-Engedi.15Yabona, uyinzwakazi, wethu! Yabona, uyinzwakazi! Amehlo akho anjengawamavukuthu.16Yabona, uyinzwakazi, ntanda yam; ewe, umnandi; Umandlalo wethu uluhlaza.17Imiqadi yendlu yethu yimisedare, Iipanele zethu yimisipres.