Xhosa

Song of Solomon

2

1Ndingumfiyo waseSharon, Ndiyinyibiba yasezintlangeni.2Njengenyibiba phakathi kweminga, Unjalo uwethu phakathi kweentombi.3Njengomapile phakathi kwemithi yehlathi, Injalo intanda yam phakathi koonyana. Ndanqwena, ndahlala phantsi emthunzini wawo, Nesiqhamo sawo sanencasa ekhuhlangubeni lam.4Indingenise endlwini yewayini, Nebhanile yayo phezu kwam luthando.5Ndixhaseni ngezicumba zeerasintyisi, Ndisekeleni ngeeapile; ngokuba ndisifa luthando.6Isandla sayo sokhohlo siphantsi kwentloko yam; Esokunene siyandiwola.7Zintombi zaseYerusalem, ndinifungisa Amabhadikazi namaxhamakazi asendle, Ukuba ningaluvusi, ukuba ningaluvuseleli uthando, Lude luthande.8Phulaphulani! Intanda yam, nantso isiza, Itsiba ezintabeni, isuka imitsi ezindulini.9Intanda yam ifana nebhadi, nenkonyana yexhama. Nantso imi emva kodonga lwakokwethu, Ithe nzo ngeefestile, Inyondla ngekroba.10Intanda yam yasusela, yathi kum, Suk’ ume, wethu, nzwakazi yam, uze;11Ngokuba uyabona, ubusika budlule, Imvula igqithile yemka;12Iintyantyambo zibonakele ezweni; Ixesha lokuntyiloza kweentaka lifikile; Izwi lehobe ivakele ezweni lethu;13Umkhiwane ukrwala amakhiwane awo, Imidiliya ityatyambile, Itsho ngevumba elimnandi. Suk’ ume, wethu, nzwakazi yam, uze.14Vukuthu lam elisemxawukeni wengxondorha, entsithelweni yemiba, Ndibonise ubuso bakho, ndivise ilizwi lakho; Ngokuba izwi lakho limnandi, ubuso bakho bunomkhitha.15Sibambeleni iimpungutye, iimpungutye ezincinane ezonakalisa izidiliya; Izidiliya zethu zityatyambile.16Intanda yam yeyam, mna ke ndingowayo Yalusela ezinyibibeni.17Ide iphole imini, oluke amathunzi, Jika, ntanda yam, uxelise ibhadi, uxelise inkonyana yexhama, Ezintabeni ezibugqagala.