1Ndingenile emyezweni wam, dade wethu, mtshakazi wam; Ndiyikhile imore yam kunye netyeleba lam; Ndiyidlile intlango yam kunye nencindi yam; Ndiyisele iwayini yam kunye namasi am. Yidlani bethu, Selani nibe mnandi, zintanda.2Ndilele, yona intliziyo yam iphaphamile. Yiva, nantso intanda yam inkqonkqoza, isithi, Ndivulele, dade wethu, vukuthu lam, ngqibeleli yam, Ngokuba intloko yam izele ngumbethe, Isihlwitha sam sizele ngamathontsi obusuku.3Ndathi, Sendikhulule nengubo yam yangaphantsi; ndothini na ukubuya ndinxibe? Sendizihlambile iinyawo zam, ndothini na ukubuya ndizidyobhe?4Intanda yam yasolula isandla sayo ngekroba; Kwasika esiswini ngenxa yayo.5Ndavuka ndaya kuyivulela intanda yam, Nezandla zam zavuza imore; Neminwe yam, imore eyivuzelayo Esiphathweni sesitshixo.6Ndayivulela mna intanda yam; Ke yona intanda yam ibijike yemka. Ndemkelwa ngumbilini yakuthetha; Ndayifuna, andayifumana; Ndayibiza, ayasabela.7Bandifumana abalindi abajikajika phakathi komzi, Bandibetha, bandilimaza; Abalindi beendonga bandilulutha ingubo yam yokwaleka ekrelekrele.8Ndiyanifungisa, zintombi zaseYerusalem, ukuba nithe nayifumana intanda yam, Into enoyixelela yona, nothi, ndiyafa luthando.9Iyintoni na intanda yakho kunezinye iintanda, Wena nzwakazindini phakathi kweentokazi? Iyintoni na intanda yakho kunezinye, Ukuba wenjenje ukusifungisa?10Intanda yam iqaqambile, iyingqombela, Iyeyongamileyo ngaphezu kwamawaka alishumi.11Intloko yayo iyigolide engcwengiweyo, ecikizekileyo; Isihlwitha sayo siziinduli ngeenduli, simnyama njengehlungulu.12Amehlo ayo anjengawamavukuthu, engasemifuleni yamanzi, Ezihlamba ngamasi, ehleli njengamatye afakwe kakuhle.13Izidlele zayo zinjengemityino yetyeleba, njengeziganga zezityalo zokuqhola; Umlomo wayo unjengeenyibiba, uvuza imore ezivuzelayo.14Izandla zayo ziintonga zegolide, zifakwe amatye aseTarshishe, Isibili sayo siluphondo lwendlovu, lukrwilwe ngesafire.15Imilenze yayo ziintsika zemarmore emhlophe, zifakwe ezisekweni zegolide engcwengiweyo. Isithomo sayo sinjengeLebhanon, sisihle njengemisedare.16Ikhuhlangubo layo linobumnandi; inqwenelekile yona iphela. Yiyo leyo intanda yam; nguye lowo uwethu, Zintombi zaseYerusalem.