1Iye phi na intanda yakho, Wena nzwakazindini phakathi kweentokazi? Ibheke ngaphi na intanda yakho, Ukuze sikufunise?2Intanda yam ihle yaya emyezweni wayo, emityinweni yetyeleba, Ukuba yalusele emyezweni, ukuba ikhe iinyibiba.3Mna ndingowentanda yam, nentanda yam yeyam yona; Yalusela ezinyibibeni.4Uyinzwakazi, wethu, njengeTirtsa, Unomkhitha njengeYerusalem; Woyikeka njengemikhosi eneebhanile.5Wasuse amehlo akho kum, Ngokuba andiqwelile. Iinwele zakho zinjengomhlambi weebhokhwe Ezisemathambekeni aseGiliyadi.6Amazinyo akho anjengomhlambi weemazi zeegusha Ezinyukayo, zivela ekuhlanjweni, Zonke zizele amawele, Kungekho ifelweyo kuzo.7Zinjengothanda lwerharnate iintlafuno zakho, Ngaphaya kwesigqubuthelo sakho.8Bangamashumi amathandathu ookumkanikazi, angamashumi asibhozo amashweshwe, Neentombi ezingenakubalwa.9Mnye yena olivukuthu lam oyingqibeleli yam; Mnye yena kunina, Umnyulwa walowo wamzalayo. Zambona iintombi, zathi unoyolo, Bamdumisa ookumkanikazi namashweshwe.10Ngubani na lo uthi gqi njengesifingo, Mhle njengenyanga, Unyulu njengelanga, Woyikeka njengemikhosi eneebhanile?11Bendihle ndaya emyezweni weminoti, Ukuba ndikhangele uhlaza lwesihlambo, Ndikhangele ukuba umdiliya unamathupha na, Imirharnate ityatyambile na.12Bendingazi ukuba umphefumlo wam undibeke Ezinqwelweni zabantu bam, zamanene.13Buya, buya, mShulamikazi; Buya, buya, sikubone. Nibona ntoni na kumShulamikazi, Njengokungathi kukuqamba kwabaMahanayim?